UNkosikazi Elinor Sisulu (UMphathi oyiNtloko)
Ngumbhali owongiweyo ngomsebenzi wakhe nolitsha-ntliziyo lamalungelo oluntu elinamava aphangaleleyo kuncwadi nakwimisebenzi yophuhliso lokufunda. Amava akhe kwimibutho namaqumrhu asekuhlaleni, kurhulumente nakwimicimbi yezangaphandle kumazwe ngamazwe kumnike ulwazi namava ngeendlela zokumelana nemiqobo ekhoyo kwizinto ezenziwayo ukuze afezekise utshintsho lwasekuhlaleni nokuza neembono ezidlamkisayo.
UNkosikazi Fazila Montsi (Umhlali-ngaphambili)
Wayesakuba ligqwetha elathi lafundisa ezomthetho kwiYunivesiti kaZwelonke yaseLisuthu naseYunivesiti yaseNtshona Koloni. Kungoku nje ungusomashishini kwaye uzikezele ekwenzeni utyalo-mali kuncwadi lwabantwana.
UNjingalwazi Lesibana Rafapa
UNjingalwazi Rafapa wayeyintloko yeSebele lezifundo zesiNgesi eYunivesiti yaseVenda phambi kokuba aye kwisikhundla akuso ngoku apho anguSihlalo kwiSebe leziFundo zesiNgesi eUNISA. Ungumbhali obalaseleyo, umhleli kunye nomguquleli okhe wasebenzela nePan South African Language Board(iPansalb) kwiiprojekhthi eziphuhlisa iilwimi ezihlelelekileyo nakuphuhliso loncwadi lwabantwana ngeeLwimi zase-Afrika.
UNjingalwazi uMary Metcalfe
Ngumfundisi-ntsapho kwaye uhlonitshiwe kakhulu njengomfundisi nanjengompolitiki. Izikhundla asele ezibambile ziquka ukuba yiNtloko yeSikolo sezeMfundo eWits, ukuba nguMphathi kwiSebe lezeMfundo ePhakamileyo, ukuba nguMphathiswa weSebe lezeMfundo kwiPhondo likaRhulumente laseRhawutini nokuba Sisithethi esisekelayo kulawulo lwePhondo laseRhawutini.
UMnumzana uMelvin Kaabwe
UMelvin Kaabwe unguMphathi wezobuxhaka-xhaka eVan Schaik, eyona venkile enkulukazi eMazantsi Afrika ethengisa iincwadi zemfundo ephakamileyo. Imisebenzi yakhe emininzi iquka ukuyila amacebo kwezobuxhaka-xhaka, kwezentengiso nophuhliso lwemveliso, ingakumbi uphuhliso lweencwadi zaseyunivesiti ezifumaneka kwi-intanethi, nezixhobo zokufunda ezi ncwadi (e-readers) eziphathwayo, eziyilwayo, nengqiqo ngazo kunye nezorhwebo olwenziwa kwiqonga le-intanethi. Unesidanga seBSC kwizifundo zobunjineli, kwiNzululwazi yeekhompyutha nakwiGeographic Information Systems asifumene kwiYunivesiti yaseNatala.
UNkosazana Bontle Senne
UBontle Senne ufumene isidanga sakhe sorhwebo (Bachelor of Commerce – kwiPolitiki, kwiFilosofi nakwezoQoqosho) ngowama-2009 eYunivesiti yaseKapa. Usebenze njengomthengisi kwicandelo lezentengiso nakwelezokunxibelelana kwi-T-Systems. Wayesakuba nguMphathi wePuku ngowama-2012-2013 phambi kokuba afumane umsebenzi kwaMcKinsey ngenjenge Management Consultant
UNkosikazi Dora Jantjie (UNongxowa)
UNgumphicothi-zincwadi onesidanga kwezorhwebo (Bachelor of Commerce degree) asifumene eYunivesiti yaseRhodes. UFumene ukukhokelwa kulo msebenzi eKPMG ngowama-2000-2002 kwaye kungoku nje usebenzela iDynamic Visual Technologies ngengoMphathi –Mali weli Qela.