Iinjongo ezingundoqo zale festivali

Puku-2017-9822
  • Ukwenza umbhiyozo owonwabisayo nongasayi kulityalwa oza kudlamkisa abantwana ngamabali nokufunda ngesiXhosa
  • Ukunyusa izinga lengqiqo ngemiba yokusingqongileyo kusetyenziswa iincwadi zabantwana nokubaliswa kwamabali
  • Ukunikeza ngeqonga lentsebenziswano nonxibelelwano phakathi kwabavelisi boncwadi lwabantwana lwesiXhosa nabo balufundayo
  • Ukunika amathuba okuzithengisela kubapapashi bezixhobo zokufunda kunye nakumaqumrhu abandakanyekayo kwimveliso yomxholo ukuba abonise imveliso yawo, equka neencwadi zabantwana ezigxile kumxholo wezokusingqongileyo kunye nomxholo wabantu abaziimfama.
  • Ukwazisa uwonke-wonke ngoncwadi lwabantwana lwesiXhosa kunye nekhonkco eliphakathi kokubaliswa kwamabali emveli neencwadi
  • Ukunyusa umdla wokushicilela uncwadi lwabantwana lwesiXhosa
  • Ukunyusa izinga lokufumaneka kweencwadi zabantwana zesiXhosa kubantu neendawo ezihlelekileyo apho ezi zixhobo zinqongopheleyo khona.