Review

Reviewed Book:

Reviewed Book:

Review by Mandisa Kalako

Ubuhle beenwele zikaMpumi bunconywa, bunqwenelwa ngumntu wonke esikolweni, ngakumbi loo maso mahle abhijelwe kuzo.Xa uMpumi onwabile, la maso ayakhenkceza, enze imilingo, nayiphi na iminqweno kaMpumi ivele yenzeke.Apho afuna ukuya khona, utsho ngomlomo, athiwe funqu ngumlingo nezihlobo zakhe, baye kwiindawo zokonwaba.Landela uMpumi nabahlobo bakhe, xa bephaphazela ngomoya phezu kwesixeko, beshiya isikolo.Suke uMpumi wakhathazwa kukunyenjwa yintwazana enomona zezi nwele, waqumba kakhulu. Yho! Kufuneka bebuyele esikolweni, umlingo weenwele namaso awenzeki…kaloku uMpumi uqumbile! Funda le ncwadi, uve ukuba kwenzeka ntoni ukuze akhululeke uMpumi nabahlobo, namaso asebenze!

Other reviews of this book

No more reviews of this book were found