Review

Reviewed Book:

Reviewed Book:

Review by Cebo Solombela

Kweli bali ndithanda imfundiso equlathwe lilo, eneneni kumele umntu akusebenzele oko akufunay, kwaye liphinda liveze intsebenziswano. Abantwana bangafunda lukhulu kweli bali. Kodwa kubantwana abatsalwa ngakumbi yimifanekiso bangalifumana eli bali linganiki mdla ngenxa yemifanekiso engahambisaniyo nebali, kwanengancedisiyo ekwakheni umfanekiso ngqondweni ocacileyo kumfundi.
Le ncwadi ingasetyenziswa ngutitshala ngexesha lokufunda ngokukhwaza kwigumbi lakhe lokufundela, kanti nabazali bangayisebenzisa le ncwadi nje ngesikhokhelo sokukhuthaza abantwana ekubeni bakuqonde ukubaluleka kokusebenzela oko bakufunayo.

Other reviews of this book

No more reviews of this book were found