Asizamkeli ezi zinto zilandelayo:
- Iimizobo yeencwadi engekapapashwa
- Iincwadi zabalandeli eziziintsomi
- Iincwadi ezingokukhuliswa kwabantwana
Uphengululo loncwadi kufuneka lube nolu lwazi lulandelayo:
- Isihloko
- Umbhali nomzobi
- Iminyaka yabafundi incwadi ejolise kubo
- I-ISBN ekhethekileyo eneenombolo ezili-13
- Umhla wokupapashwa kwencwadi
- Isishwankathelo esifutshane sencwadi
Ukuba ungathanda ukufaka uphengululo loncwadi, nceda uthumele i-imeyile kucontenteditor@puku.co.za
IPuku ayamkeli ntlawulo ngophengululo lweencwadi. Inkxaso-mali enikwa iPuku Children’s Literature Foundation ayinekezwa ngeenjongo zokutshintshiselana okanye ngokuncoma uphengululo-ncwadi. Imali efumaneka ngokuqeshiswa kwendawo yentengiso ayichaphazeli okanye ibeke isidima sophengululo loncwadi olubhaliweyo engxakini.
Siwubuyisela umsebenzi kumnikazi wawo kuphela xa ethe wenza isicelo soko kwangethuba kuMhleli oLawulayo. Ngokwesiqhelo, umsebenzi ongenisiweyo awubuyiselwa kumniniwo. Nceda uthumele ileta ehamba nomsebenzi ekufuneka kwenziwe uphengululo lwawo, leta leyo emayibe neenkcukacha ezifunekayo, eziquka imipoposho yamaphepha-ndaba okanye imathiriyeli exhasayo. Xa imizobo kwi-intanethi ingafumaneki, i-jpg okanye .gif yomzobo woqweqwe ingacelwa nguMhleli wemixholo wakwa- Puku.co.za nge-imeyile ku- contenteditor@puku.co.za. Nceda ungakulinge uthumele umsebenzi wakho okukuphela kwawo ngeposi.
Nceda uthumele iipasile ku:
Mhleli Olawulayo
Puku Childrenʼs Literature Foundation P.O. Box 498
Parklands
2121
Izikhokelo zethu ngokufakwa kwemisebenzi zenzelwe ukunika ulwazi kuphela kwaye aziceli misebenzi okanye imathiriyeli yabantu. Ukuba uyawufaka umsebenzi wakho, oko ukwenza ngobutyala bakho okanye obequmrhu elifaka umsebenzi lowo.