Isifukamisi

Isifukamisi

Ababhali nabaZobi

IPuku.co.za liqonga lokunxibelelanisa abantu abathanda ukufunda iincwadi zabantwana kunye nabo bazibhalayo, abazobi nabapapashi bazo. Sibhiyozela iincwadi zabantwana zaseMazantsi Afrika kodwa ngelishwa, asikwazi ukwamkela imisebenzi yabantu nokuyipapasha. Siyakwazi ke kodwa ukunika iingcebiso ngendlela yokuphuhlisa izakhono zakho nokufumana abantu abanokuba nomdla kumsebenzi wakho..

Ndingaziphucula njani izakhono zam?

Funda yonke into okwaziyo ukufikelela kuyo. Khangela iincwadi ezibhabhelayo kunye neevenkile ezithengisa iincwadi ezisetyenzisiweyo, tyelela ithala leencwadi, fumana iincwadi kwi-intanethi, khangela kuMXit iinoveli ezifumaneka khona – funda, funda, funda.

Zibandakanye okanye qala iqela elibhalayo

IKholeji yabaBhali baseMzantsi Afrika iqulunqe uluhlu lwamaqela asekuhlaleni abhalayo. Akukho ntlawulo efunwayo kwabafuna ukuzibandakanya la maqela anikeza abathathi-nxaxheba amathuba okwabelana ngamava neengcebiso kwizinto abazibhalileyo. Ukuba alikho kwindawo ohlala kuyo, kutheni ungaqali elakho nje?

Zibandakanye namaqumrhu axhasa nakhuthaza ababhali nabazobi

Bhalisela ikhosi yokubhala

Ukubhalisela ikhosi yokubhala kungakunceda ukuba ulole izakhono zakho, ikufundise indlela yokuthengisa umsebenzi wakho okanye ikuncede ukuba ufumane abanye abantu abanomdla kwicandelo elifanayo. Intlawulo yekhosi nobude bayo iyashiyana kodwa likhona iqela leenkampani nemibutho enikeza ngeekhosi kunye neeklasi ezinokukuphuhlisa njengombhali/umzobi

Ndingenza njani ukuba umsebenzi wam upapashwe?

Ukupapasha ngendlela yakudala

Iinesikhokelo esikhawulezayo malunga nendlela yokupapasha umsebenzi wakho kwiwebhusayithi yabo kwaye kukho iincwadi ezininzi ezifumanekayo kwisihloko esimalunga nokupapashwa komsebenzi wakho, equka incwadi ethi, Get Your Book Published in 30 (Relatively Easy) Steps ebhalwe nguBasil van Rooyenekucetyiswa kakhulu ukuba uyifunde. I-SCBWI inoluhlu olubaluleke kakhulu lwemibuzo neempendulo kubantu abanqwenela ukubhala iincwadi zabantwana.
Imigaqo yokufaka umsebeni wakho iyohluka kwimizi yokupapasha eyahlukeneyo, kodwa ngokuqhelekileyo, awukhuthazwa ukuba uthumele incwadi yakho yonke ukuze wamkelwe. Endaweni yoko zama ukuthumela ezi zinto zilandelayo:

  • isishwankathelo sencwadi yakho,
  • okungenani khetha iziqendu ezi-3 zencwadi yakho
  • inkcazelo yabantu oyibhalele bona kunye
  • nebhayografi yakho emfutshane

Ngokomthetho, akufuneki uthumele imizobo okanye ikopi yakho ekukuphela kwayo yomsebenzi owubhalileyo kuba kungenzeka ukuba ungabuyiselwa kuwe lo msebenzi. Umsebenzi othunyelwe ungacelwanga ngumsebenzi umpapashi angakhange wabe uyawucela, okanye uyawukhupha ukuba wenziwe, ngoko kufuneka uqaphele ukuba ingaba umpapashi wamkela imisebenzi engacelwanga na okanye hayi. Funda imigaqo yompapashi ngamnye ngononophelo ukuqinisekisa ukuba umsebenzi wakho ubufana nalo msebenzi umpapashi adla ngokuwuvelisa. Qinisekisa futhi ukuba indlela owufaka ngayo, obhalwe ngayo nobude bawo buyahambelana nemiqathango yokufaka umsebenzi.
Ukungamkelwa komsebenzi wakho yinto eqhelekileyo ekubeni ngumbhali okanye umzobi: Musa ukuphelelwa lithemba. Yamkela izigxeko nengxelo evela ebantwini okanye kumaqumrhu akweli candelo, uzame kwakhona.

Ukuzipapashela ngokwakho

Ingaba ucinga ukuzipapashela incwadi yakho okanye incwadi efumaneka kwi-intanethi? UDavid Carboy weCNET ubhale uhlelo oluhle kakhulu malunga Self-publishing a book: 25 things you need to know. Ayibhalwanga ngokusekelwe kwindlela yokubona yoncwadi lwabantwana baseMzantsi Afrika kodwa yincwadi etyebileyo negcwele iimbono ezinokunceda abo banqwenela ukuzipapashela ngokwabo imisebenzi yabo.

Iziganeko ezimalunga noncwadi

Kukho iziganeko zoncwadi eziliqela ezenzekayo elizweni lethu jikelele, apho unokudibana futhi unxibelelane nabantu abasele bepapashe iincwadi kunye nabo banomdla wokubhala nokupapasha.

  • I-Abantu Book Festival sisici soncwadi esenzeka kanye ngonyanga nesibanjelwa eSoweto, indawo eyaziwayo ngobugcisa eMzantsi Afrika, esibonisa ababhali baseMzantsi-Afrika, base-Afrika nabangabahlali kumazwe angaphandle. Igama elithi ‘Abantu’ ligama lesiNguni elibhekiselele ebantwini, nto leyo eyenza le festivali ibe yifestivali yoluntu. “Injongo yethu kukwenza isici soncwadi esinika iqonga kubabhali nabafundi abamnyama nokwaziswa kwabo eluntwini njengoko kufanelekile.” Isici sokuqala se-Abantu Book Festival esintsuku-ntlanu apho kweziwa izifundo, iingxoxo, umculo nezinye iintlobo zokubaliswa kwamabali, besenziwe okokuqala ngomhla wesi-6-10 kuDisemba wama-2016.
  • ITime of the Writer: Ngelixa kuqhubekeka le veki ityebe kakhulu yimisebenzi yababhali, ababukeli bangalindela ukuva iimbono zababhali abawongwe ngeembasa kwimisebezi yabo, abavela kwiindawo ngeendawo zopolitiko nezentlalo, ukuva ngamava neendlela zabo zokuyila kunye neembono ezinefuthe kwizinto abazibhalayo.
  • I-Open Book Festival: i-Open Book Cape Town yifestivali yoncwadi eyenzeka qho ngonyaka. Eyokuqala yabakhona ngowama-2011. Isoloko iqhubeka kwiThiyetha iFugard nakwivenkile i-Indie ethandwa kakhulu naseBook Lounge.
  • IFranschhoek Literary Festival: Yifestivali eyenzeka qho kwekaCancibe, enezihloko eziluthotho ezisusela zopolitiko ezitshisa ibunzi ukuya kwezipholileyo zezibongo, ezamabali othando kunye namabali awoyikekayo eemfazwe.
  • ISouth African Book Fair: Le South African Book Fair ethe yayilwa okutsha ngoku iphethwe yiSouth African Book Development Council kwaye iza kudityaniswa neNational Book Week ehleli iqhubeka nebhiyozelwa kwiveki yokuqala kaSeptemba. I-SABDC ifumene inkuthazo kumabali akutsha nje aseMzantsi Afrika kwaye le festivali entsha kuza kufuneka ifumanise intsingiselo yokuba kuthetha ukuthini ukuba ngummi waseMzantsi Afrika kwaye iphenjelelwe ziimbono eziphuma e-Afrika.
  • IJozi Book Fair: Eyona njongo inkulu yeJozi Book Fair kukunika uwonke-wonke iqonga elibonakalayo apho amaqumrhu amathathu angundoqo athi adibane asebenzisane kuphuhliso lwenkcubeko yokufunda nokubhala
  • IFestivali yoNcwadi yaseKnysna: – IKnysna Literary Festival ngoku ikunyaka wesi-8. Yifestivali ekukuphela kwayo kwiGarden Route nethi izinyaswe liqela elikhethekileyo lababhali baseMzantsi Afrika, kwaye ngoku iya isiba yeyona enomtsalane kubathandi boncwadi nakubo bonke abathanda izinto ezinoncwadi phakathi.
  • IFestivali yoNcwadi yeM&G eyaziwa ngokuba yiLifest, ihlola imibuzo egxile kuncwadi kwiiseshoni zayo, ukusukela kumabali angeyonyaniso ukuya kumabali ayinyani, ukuhlela nokupapasha ukuya kunikeni iingxelo nokuxoxa ngeethiyori zokufundisa.
  • IRichmond Book Fair: Idolophana encinane iRichmond eseMntla Koloni iyaziwa ngoku ngokuba “yidolophana yeencwadi” yaseMzantsi Afrika. Le book fair yenzeka qho ngonyaka kweyoDwarha.

Ndingafumanisa kanjani ngento eqhubekayo kwiindaba zasekuhlaleni ezimalunga noncwadi lwabantwana neziganeko ezigxile kolu ncwadi?

Impendulo elindelekileyo ilapha kwi – puku.co.za kodwa sigxile kakhulu kuncwadi lwabantwana ngeelwimi zemveli. Ukufumana ezinye iindaba neziganeko, zama ezi webhusayithi zilandelayo:

  • INal’ibali (isiXhosa for “Here’s the story”) liphumo likazwelonke lokufundela ukuzonwabisa elizama ukwenza abantu baseMzantsi Afrika – abantwana nabantu abadala – ukuba bakuthande ukubalisa amabali nokuwafunda.
  • IFunDza Literacy Trust enomsebenzi wokuphuhlisa ilitheresi kubantwana abafikisayo nakulutsha lwaseMzantsi Afrika ngokwazisa ngokufunda, ngokukhulisa ibandla labafundi nokuphuhlisa ukubhala kwabantu abatsha.
  • Books LIVE Iphepha-ndaba loncwadi elifumaneka kwi-intanethi leBook Live elinako konke odinga ukwazi malunga neendaba zaseMzantsi Afrika ezimalunga nokupapasha, uphengululo loncwadi, iziganeko zoncwadi neembono zoluntu.