Review

Reviewed Book:

Reviewed Book:

Review by Akhona Mafani

UGqirhalwazi, uSindiwe Magona usebenzisa umnatha kule ntsomi esithatha esibeka ngesigama sakhe, ubuchule bokubhala nobuchwepheshe , esisa ngaphakathi kumongo nrntsingiselo yelibali. Lo mnatha uthe wadala umtsalane kolu ncwadi , ngendlela ayizobe ngayo le nkonyana inguBuhle imabala-bala isenza sibenemibono ngayo nagakumbi singekayiboni. Izichazi kwanentlaninge yezafobe esiqulathwe apha zenza umdla kakhulu, oludidi lwee-ntsomi lungakhuthaza abantwana ekubhaleni ezabo iintsomi nabo benemifanekiso-ngqondweni .

Sifunda ngendima nenxaxheba edlalwa luluntu ekukhathalaleni izilwanyana.Masitsho sithi le ingayimfundiso kubantwana ukuba bazixabise izilwnayana, eneneni thina siluluntu nazo singuMngqusho noMbhotyi, thina siyazalana. Qaphela uhlobo inkwenkwana elithande ngayo eli thole limabala-bala lilichola lingalazi,suka lazidina laligcina de yalisa kwintlanti zakowayo. Siphinda sifunda umthetho nocwangco, kuba uTata wale nkwenkwana ubonisa ubuzali ngokuthi alibuze ukuba livelaphi, nto leyo ebalulekileyo xa umntu ethatha into engeyo yakhe.

Other reviews of this book

No more reviews of this book were found