Review

Reviewed Book:

Reviewed Book:

Review by Biblionef

Eyona nto indenze ukuba ndibenomdla wayo le incwadi kukuba ndaqala ukuyifunda ngesiNgesi kwaye ndandikho kumsitho wokuyazisa ngelixa ababhali bayo babeyenzela iqela Labantwana eRhawutini. Akufihlakalanga ukuba iguqulelwe esiXhoseni, kwaye mhle umsebenzi womguquleli ngaphandle nje kwegama elithi, “ukubefunyeka” (ikhasi 2) elikhe laphantsa ukundibhida ndade ndathatha abantwana ukuba nabo bafunde ndizokubeva balifunda beliqonda njani. Kubenzima kwaba beli lam icala ukusazi esi isiXhosa, mhlawumbi ke sesengingqi ethile eqondwa ngumguquleli.

Ubugqi, ulonwabo, imvakalelo emnandi kwiqela lamantombazanana abandakanyeka kwibali inganwenwela lula kwabo bafundelwayo, ingakumbi abaminyaka mine ukuya kwesixhenxe. Inika umdla ukuba bazame nokuzifundela bengancediswa futhi imifanekiso inomtsalane. Andisathethi kex a bebone naleya inkulu incwadi isetyenziswa nayo.

Senditshilo ke ukuba igama “ukubefunyeka” lilo kuphela elindenze ndabhadula ndade “ndabudineka” kukulicacisa, “ndatshintsha nenkangeleko yobuso” ndizama ukubefunyeka oko. Ndiyigqithisela kwigqiza ke le indawo, kodwa yona incwadi mayisetyenziswe!

Other reviews of this book

No more reviews of this book were found