INKQUBO

Umsitho wamabali wephuku uvuleleke kuye wonke umntu- Wonke umntu wamkelekile
Ukuba unqwenela ukubayinxalenye yoqeqesho, nceda wazise uSisanda ku083 425 5277 okanye sanda@nationalartsfestival.co.za
Lwesine 19 uTshazimpuzi – THE MONUMENT |
||
| ACTIVITY | VENUE | TIME |
| Umboniso kaGcina Mhlophe.
Umboniso ozokube usenziwa yi-National English Literacy Museum (NELM) ibonisa ubom kunye nemisebenzi kaGcina Mhlophe |
Foyer | 09:00 – 15:30 |
| Kudlwalwa umdlalo weqonga othi: ‘Have you seen Zandile/Ubukhe wambon’uZandile?’
Ulandelwe yingxoxo engomdlalo lowo ezakube ikhokhelelwe ngu Madoda Ndlakuse noCebo Solombela
|
Rehearsal Room in B1 | 09:00 – 10:30
|
| Iqonga lemibongo kunye nokufunda
Abadlali beqonga kunye nabafundi bafunda umsebenzi nemibongo kaGcina Mhlophe, umkhokheli wenkqubo nguNobesuthu Rayi.
|
Rehearsal Room in B1 | 10:45 – 11:15
|
| Iqonga likawonkewonke
Ibali libaliswa yiNal’ibali Indwendwe elikhethekileyo nguGcina Mhlophe |
Fountain Court | 11:30 – 13:00
|
| Kudlalwa umdlalo weqonga othi: ‘ Have you seen Zandile/ ubukhe wambon’uZandile?’
Ulandelwe yingxoxo engomdlalo lowo ezakube ikhokhelwe nguGqirha uHleze Kunju
|
Rehearsal Room in B1 | 13:15 – 14:45
|
| Iqonga lemibongo kunye nokufunda
Abadlali beqonga kunye nabafundi bafunda umsebenzi nemibongo kaGcina Mhlophe, umkhokheli wenkqubo nguNobesuthu Rayi.
|
Rehearsal Room in B1 | 15:00 – 15:30
|
| Nal’ibali “Back to Basics: Story Power Activation” / “How to become a literacy activist with Nal’ibali”
Nal’ibali seeks to workshop people to become vibrant literacy development activists and Funda Leaders who can activate community and school based reading clubs |
Ntsikana Gallery 2nd Floor |
15:00 – 15:45 |
Lwesihlanu 20 uTshazimpuzi – THE MONUMENT |
||
| ACTIVITY | VENUE | TIME |
| Umboniso kaGcina Mhlophe
Umboniso ozokube usenziwa yi-National English Literacy Museum (NELM) ibonisa ubom kunye nemisebenzi kaGcina Mhlophe |
Foyer | 09:00 – 17:00 |
| Uqeqesho lobaliso lwebali
Lukhokhelwa yiNal’ibali Uqeqesho lophenyo loncwadi Lukhokhelwa nguLorato Trok noGqirha Sindiwe Magona Amazwi enkuthazo nguGcina Mhlophe |
Council Chambers – 1st Floor | 09:00 – 13:00
|
| Kudlwalwa umdlalo weqonga othi: ‘Ubukhe wambon’uZandile?’
Ulandelwe yingxoxo engomdlalo lowo ezakube ikhokhelelwe ngu Madoda Ndlakuse noCebo Solombela
|
Rehearsal Room in B1 | 09:00 – 10:30
|
| Iqonga lemibongo kunye nokufunda /Poetry and Reading Session
Facilitator: Nobesuthu Rayi, with actors and learners reading Gcina Mhlophe’s works and poems Abadlali beqonga kunye nabafundi bafunda umsebenzi nemibongo kaGcina Mhlophe, umkhokheli wenkqubo nguNobesuthu Rayi. |
Rehearsal Room in B1 | 10:45 – 11:15
|
| Open Mic Session
Book launch by Mangaliso Buzani – ‘Ukufika kwamadada amathathu eCandlewood kunye namanye amabali‘ Storytelling by Nal’ibali Guest appearance by Gcina Mhlophe |
Fountain Court | 11:30 – 13:00
|
| Ingxoxo: indima yeelwimi zesiNtu ekuphuhliseni uncwadi eMzantsi Afrika: isekhona okanye ifile?
Imvelaphi yengxoxo: Injongo yalengxoxo kukuba nencoko enzima phakathi kwababini malunga ngendima edlalwa ziilwimi zesiNtu, njengendima edlalwa sisiXhosa ekuphuhliseni uncwadi loMzantsi Afrika. Kuzoxoxwa malunga ngemingeni kunye nengeniso ngokusetyenziswa kwesiXhosa kwintlobo ezahlukeneyo zoncwadi lwesiXhosa. Omnye weminqweno ngalengxoxo kukugocagoca intsingiselo yengcinga ezingoncwadi kwaye sijonge ukuba mngakanani unomgama phambi kokuba intlobo zobugcisa ezifana nemibongo kunye nomculo buciko (hip-hop) zithathelwe ingqalelo njengezinye ezidlala indima enkulu kuncwadi loMzantsi Afrika. Ulwakhiwo lwengxoxo: uluhlu lwabantu abazakuba yinxalenye yale ngxoxo liquka amagcisa afana neembongi kunye nabahlekisi. Umbhexeshi wengxoxo iyakube inguSanele Ntshingana, injongo yale ngxoxo kukuqonda nzulu kulamagcisa. Nabamameli bazakulifumana ithuba lokubayinxalenye yengxoxo. |
Ntsikana Gallery – 2nd Floor | 13:00 – 15:00 |
| Kudlalwa umdlalo weqonga othi: ubukhe wambon’uZandile?’
Ulandelwe yingxoxo engomdlalo lowo ezakube ikhokhelwe nguGqirha uHleze Kunju
|
Rehearsal Room in B1 | 13:15 – 14:45
|
| Siwonga uGcina Mhlophe
Imbeko ekhethekileyo esuka kumagcisa aseRhini kunye nomzi wePuku Story Festival.
|
Fountain Court | 15:00 – 17:00
|
Mgqibelo 21 uTshazimpuzi – NELM |
|
| ACTIVITY | TIME |
| Ingxoxo sijonge kwiminyaka emithandathu iPuku Story Festival iqhuba, sinika ingqwalasela kwizinga lokufunda eRhini
– iqela lePuku lenza intetho. – Ikamva lePuku Story Festival eRhini – Izifundo ezithe zafundwa – Sijonga emva neempendulo |
09:00 – 13:00
|
Mgqibelo 21 uTshazimpuzi – FINGO |
|
| ACTIVITY | TIME |
| – Inkqubo yabadlali abahlekisayo- Tsepiso
– Iqonga likawonkewonke – Abadlali neemvumi zasekuhlaleni – imidlalo nobaliso lwamabali – ukuzotywa kweembuso – Ufundo loncwadi – Umboniso kaGcina Mhlophe – Fudo-Boy-Flies High (umdlalo weqonga omfutshane wabantwana) |
09:00 – 13:00
|









