Maz’enethole lusapho lwePuku malunga newebhusayiti yenu esebenzayo sithetha nje. Ndivuyiswa kukuba niyenze yangqamana nokuqwalaselwa ngokukhethekileyo koSuku LweLitheresi emhlabeni wonke.
Mandinibulele lusapho lwePuku ngokundimela ukuze ndibe yinxalenye yengxoxo yenu ephathelele umsebenzi wenu eMakhanda ukuqalela kumnyhadala we Puku, ucweyo lwamabali uyokutsho ekuyeni kwizikolo ezisemagqagaleni ngenjongo yokuzikhuthaza kumba weencwadi nokufunda.
Ndijonge uBhodlingqaka nendlela akhule ngayo njengendoda, njengeqhawe LweLitheresi, njengembongi nomgcini wolwimi lwesiXhosa. Nisebenze Puku kwaye ndinothulela umnqwazi.
Ukudityaniswa negqala lezemfundo nowayesakuba ngumhloli uSis Viwe Pikoli inene nisibonisile ukuba abantwana bethu niyabaxabisa kwaye nibanqwenelela ikamva elililo. Umakhwekhwetha womhlohli waseYunivesiti uGqirha Anele Gobodwana usincedile kakhulu ngokusenza sikhumbule apho iPuku isuka khona siveze nomsebenzi omkhulu omele wenziwe kuhlalutyo lweencwadi. Mna ndinombulelo ongazenzisiyo kwiPuku ngokulola isakhono sam sokubalisa nokukwazi ukusebenza nabantwana ukuze ndibaxonkxe babezingqondi kwaye bonwabele ukufunda noba abekho sikolweni.
IPuku idlale Indima enkulu ekundikhuliseni, ekundidibaniseni nezangxa ezifana no Gqirha Gcina Mhlophe, Gqirha Sindiwe Magona, uMam Madosini nabanye oompondozihlanjiwe ekugcineni ulwimi lwenkobe nenkcubeko yethu bantu.








