UKidi Bebey usizobela ibali lenkwenkwana egama linguTiti, eyayikhathazekile ngenxa yokungaziboni kwifoto zosapho. Kanti nalowo wayezibiza nje ngegqwetha lakhe uDina wayekhona kwezinye zeefoto zosapho. Iimpendulo owayezifumana kuphando lwakhe zazingamonezi konke-konke uTiti. Ngokunokwakhe wayengayiqondi kakuhle into yokungabikho kwakhe kwimifanekiso leyo. Kodwa njengoko wayeqhubekeka esenza uphando lwakhe kubantu abohlukeneyo abafana nomama wakhe, utata wakhe, uMnumzana Mballa, umakhulu wakhe kunye nonogada waye wade wacacelwa ukuba kutheni engekho kwiifoto zosapho.
Le yincwadi enika umdla, eneziganeko ezihlekisayo, ndimthanda uTiti xa esithi kutata wakhe “ Tata, singakhe sidlane indlebe nje ngamadoda?” Imibuzo uTiti amana ukuyibuza kubantu abaninzi xa esenza uphando iqhelekile kuninzi lwabantwana. Abantwana bangayonwabela le ncwadi, isigama sayo silula kwaye siyaqondeka,imiqolo efumaneka kwiphepha ngalinye ayimidanga ngohlobo oludikayo.Le ncwadi inolwazi oluninzi olunokuthi luphendule imibuzo emininzi abadla ngokuyibuza, umzekelo ubuzo othi: ingaba usuka phi umntwana? Umzali naye angayisebenzisa le ncwadi nje ngesixhobo sokuxhobisa abantwana. Ndiyayithanda indlela athe umbhali wasebenzisa ngayo iintsuku zeveki. Utitshala anganako ukuxoxa kunye nabantwana ngezinto abathi bazenze ngezinye zezi ntsuku.
Welcome to Puku’s new website and children’s bookstore. We are excited to introduce a rich selection of children’s books in South African languages, to readers young and old.